Consolidation Loan

Loans and Lending Products

Xa usidinga, sikhona ukuze sikuncede ngeMali-mboleko yakwaDirectAxis eqala kwi mali engama waka amahlanu (R5 000)

Ngubani uDirectAxis?

Kungaphezulu kweminyaka engamashumi amabini anesithathu -(25), abakwaDirectAxis bengaBaboneleli ngeziMali abagunyazisiweyo nenxalenye yeFirstRand Group. Kwelo xesha, sinikezele ngaphezulu kwesigidi seemali-mboleko kwaye siyazingca ngokuba abathengi bethu bayazi ukuba bangathembela kuthi. Ngenxa yokuba asinikezeli ngemali-mboleko njee – sikholelwa ekuncedeni abantu benze izinto ezibalulekileyo, sinceda abantu bathathe amathuba obomi kwaye sinceda abantu batshintshe ubomi babo.

Nathi unganako.

Isebenza njani imali-mboleko yakwaDirectAxis:

Xa ufuna imali, khetha isisombululo semali-mboleko esinokuguquguquka esenzelwe wena kunye nohlahlo-lwabiwo-mali lwakho.

  • Khetha isixa semali-mboleko osifunayo, ukususela, kwi mali engama waka amahlanu (R5 000).
  • Thatha isigqibo ngexesha oza kulithatha ukuhlawula imali-mboleko elilelona lizifaneleyo iimfuno zakho, ukususela kwiinyanga ezingama shumi amabini anesine-(24) ukuya kwiminyaka emi thandathu-(6).
  • ukuba siphumelele isicelo sakho, imali ingafakwa kwi bhanki yakho kwakamsinyane – ukuze uyisebenzise ngayo nayiphi indlela oyikhethayo.

Yintoni oyidingayo ukuze ufake isicelo:

Konke okudingayo koku kulandelayo ukuze sichophele isicelo sakho kwangoko:

  •  Ubuncinane bomvuzo ongama waka amahlanu (R5 0000 ngenyanga
  • Iinkcukacha ze bhanki yakho ekuhlawulwa kuyo umvuzo wakho
  • Iinkcazelo zomvuzo wakho zeenyanga ezintathu-(3 ) ukuba awunazo, ungafaka iinkcazelo zebhanki apho intlawulo yomvuzo wakho iphawulwe ngokucacileyo)

Kungafuneka ukuba ubonelele:

  • Ikopi yesazisi sakho ecacileyo / Ikhadi lesazisi
  • Uxwebhu lwakutshanje olungqina idilesi ohlala kuyo

Nceda uqaphele: ungacelwa ukuba ubonise ubungqina bemali yentlawulo etsalwayo. 

iMalimboleko yakwaDirectAxis isoloko isiza neenzuzo ezibonakalayo.

  • Akukho mfuneko yokuza siqu kudliwanondlebe okanye ulinde kwimigca emide – yonke into ingenziwa emnxebeni okanye ngekhompyutha.
  • Iintlawulo ezingaguqukiyo neziqinisekisiweyo zexesha lakho elipheleleyo lemali-mboleko.
  • Ungakhetha ukulihlawula lonke ityala phambi kwexesha okanye uhlawule iintlawulo ezingaphezulu ngaphandle kwezohlwayo.
  • Usebenzisana nenkampani enguMboneleli ngeeNkonzo zeziMali ogunyazisiweyo, eyinxalenye yeFirstRand Group, ethobela uMthetho wokuThenga ngeTyala, kwaye ezinikeleyo ekuxhaseni ukubolekisa okunoxanduva.
  • AbakwaDirectAxis baza kusoloko bezithathela ingqalelo iimeko zakho zezimali ukuze bakunike imali-mboleko elungele iimfuno zakho kunye nohlahlo-lwabiwo-mali lwakho.
  • Ungaqiniseka ukuba uza kuba ne inshorensi esiSicwangciso soKhuselo loBuqu i-Personal Protection Plan, equkwa kwimali-mboleko nganye. Esi sicwangciso sisodwa siza kuhlawula nayiphi na intsalela yemali-mboleko kwisihlo sokusweleka kwakho okanye sokukhubazeka ngokusisigxina kwaye nokukhubazeka okwethutyana kunye nokudendwa. Esi sicwangciso senziwe ukuze sihambelane nembali yomngcipheko wakho, ngoko ke umgangatho we inshorensi uza kwahluka,  kodwa ke wamkelekile ukuba ukhethe ipolisi eyahlukileyo, ukuba inkqubo enikezelwayo iyalingana.
  • DirectAxis
    Stats

  • 24%

    Consolidation

    of customers use loans for consolidation

  • 24%

    Renovations

    of customers use loans for renovations

  • 12%

    Education

    of customers use loans for education